Menu Close

Nicene Creed in Xhosa

Ndiyakolwa ku-Tixo omnye, u-Yise u-Somandla, u-Mdali wezulu nomhlaba, Nento zonke ezibonakalayo nezingabonakaliyo:   Nakuyo i-Nkosi inye u-Yesu Kristu, okupèla kozelweyo u-Nyana ka-Tixo, Owazalwa ngu-Yise kungekabikò mhlaba, u-Tixo owazalwa ngu-Tixo, Olu-Kànyiso owazalwa nguye Olu-Kànyiso, u-Tixo wenene owazalwa ngu-Tixo wenene, Owazalwa, engadalwanga, Emmo nye no-Yise, Zaye zonke izinto zidalwe ngaye: Owati ngenxa yetu tina bantu, nangenxa yosindiso lwetu, wehla ezulwini, Wenziwa waba yinyama ngo-Moya Oyingcwele ngayo i-Ntombi u-Mariya, Wenziwa waba ngumntu: Waza wabetelelwa emnqamlezweni ngenxa yetu ngo-Pontiyus Pilato, Weva ubunzima, wancwàtywa. Wati ngomhla wesitatu wabuya wavuka ngokwezi-Bàlo, Wenyukela ezulwini, Uhleli ngasekunene kuka-Yise; Wobuya ezo enobuqaqauli agwebe abahleliyo nabafileyo: Obukumkani bungasayikupèla.   Ndiyakolwa naku-Moya Oyingcwele, oyi-Nkosi, ongu-Mdlisi wobomi, Opuma ku-Yise naku-Nyana, Onqulwayo edunyiswa kunye no-Yise no-Nyana, Owateta ngaba-Profite. Ndiyakòlwa yi-Kerike inye, eyi-Katolika, eyaba-Postile. Ndivuma u-Bàptizo lunye lokuxolelwa kwezono. Ndikangela nokuvuka kwabafileyo, nobomi belizwe elizayo. Amen.

Show Buttons
Hide Buttons